Imimoya yotshintsho iye yabhudla kwaBoxing South Africa (BSA), kwaye lomimoya iphephethekise umphathi kaBSA eMpuma Koloni uPhakamile Jacobs yamlahlela enkunkumeni.
Kwaye ke ngoku kungene uSiya Vabaza-Booi, owayengumgwebi emanqindini, engena endaweni kaJacobs, obesele ehleli kwesisikhundla iminyaka engaphaya kwamashumi amabini. Okunikisa umdla kukuba uJacobs, njengoVabaza-Booi, naye wayengusompempe ngaphambili.
Uhambo lukaVabaza-Booi eqongeni lufikelele esiphelweni ngoMatshi njengokuba wagqiba ekubeni angayivuseleli ilayisenisi yakhe emva kweminyaka engaphaya kwamashumi amathathu.
Lenzalelwane yaseMonti ibingukhala weWorld Boxing Federation (WBF) e-Africa ikwalilungu lekomiti evuma neyala imilo lwaBSA ngeloxesha elo.
UVabaza-Booi ulityhutyhatyhutyhile elimiweyo esebenzela iWorld Boxing Council (WBC), i-International Boxing Federation (IBF), i-International Boxing Organisation (IBO) neWorld Boxing Union (WBU). – Monwabisi Jimlongo