Kungenzeka ukuba iBafana Bafana itywatyushe abamelwana bayo iZimbabwe ngamanqaku amathathu kwelinye kumdlalo wemfezeko weNdebe yeHlabathi ka-2026, kodwa umqeqeshi uHugo Broos uthi makungangxanywa ngokubhiyozwa.
Lonto ibangelwa kukuba iBafana ikwindawo yesibini, ilandela iRwanda kumanqwanqwa kaGroup C emva kokuqokelela amanqaku asixhenxe iqela ngalinye kwimidlalo emine. IRwanda iphezulu ngenxa yokokuba kufakqe amanqaku ambalwa kuyo.
“Isende lendlela. Kusekho imidlalo emithandathu. Ngoko ke, kusekuninzi esingaphulukana nako, kusekuninzi esingakuzuza. Okwangoku, siphumelela imidlalo ekhaya, into ebaluleke kakhulu. Masiqhubeleni phambili sisenza ngoluhlobo, kwaye ukuba sithi gqolo senze ngoluhlobo, sinethuba elikhulu lokuya kwiNdebe yeHlabathi,” utshilo uBroos.
Amanqaku eBafana kulomdlalo neeWarriors zaseZimbabwe afakwe ngu-Iqraam Rayners kunye namabini aze ngequza likaThapelo Morena, logama uTawanda Chirewa efake eleZimbabwe.
Kusenjalo, iBafana iselelwe yimidlalo emithandathu ezakuyidlala kunye neLesotho (kabini), iBenin (ekuhambeni), iNigeria (ekhaya), iZimbabwe (ekuhambeni) neRwanda ekhaya.