Imbethi-manqindi ezinze eMonti nezakulwela intshinga yelizwekazi i-Afrika iye yaxhonyiswa ngemipu zizijamakungwini ezimbini ngethuba ilungiselela omnye wemilo yayo ebalulekileyo.
USiseko Makeleni, olungiselela umlo wakhe noKaine Fourie, uphangwe ziindladiya ebezithe qhiwu imikhonw’ekati eMonti kulempelaveki egqithileyo.
“USiseko Makeleni uye waxhonyiswa ngoonqevu ababini kusasa ngeCawa. Ebeziqeqesha ngaselwandle njengokuba elungiselela umlo wakhe ozayo. Ngethamsanqa, akonzakelanga. Oonqevu bathabathe umnxeba wakhe kuphela bakugqiba babaleka bayokungena ehlathini,” u-Amanda ‘Jahman’ Magatya, ongumqeqeshi kaMakeleni utshilo ngethuba exelela i-Ink Sport.
Ngethamsanqa, lamava abuhlunggu awakhange awathibaze amalungiselo kaMakeleni njengokuba eqhubela phambili elungiselela umlo wakhe noFourie kwintshinga engenamntu kwi-International Boxing Federation (IBF) Continental Africa kudidi lwelightweight.
UMakeleni waseMthatha, eMpuma Koloni, uzakulwa noFourie eBox Camp, eBooysens, eRhawutini ngoMgqibelo umhla weshumi elinesithathu kuJulayi. – Monwabisi Jimlongo