Iqela laseMpuma Koloni iChippa United izilile emva kokusweleka kobejongene neempahla zokudlala uThanduxolo Ntoni kwingozi yenqwelo-mafutha ngoMvulo.

UNtoni obedume ngesiteketiso esithi ‘Yebho’, wayesoloko ebonakalisa ubuntu nobuhlobo kumntu wonke, kwaye ebelilungu elibalulekileyo kusapho lweeChilli Boys. 

“Kungosizi ukuvakalisa ngokusweleka kobethandwa nobegcina iimpahla zokudlala uThanduxolo ‘Yebho’ Ntoni, ophulukene nobomi bakhe kwingozi yenqwelo-mafutha. UThanduxolo ebezinikele, elilungu elixabisekileyo kusapho lweChippa United FC. Ubesoloko eqinisekisa ukhuseleko lwabadlali kunye nabasebenzi bonke. Ukuzinikela kwakhe, ububele bakhe kunye nomoya wakhe othobekileyo uzakuhlala ukhunjulwa ngabo bonke ababemazi,” zitshilo iiChilli Boys.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php