Igqala lomdlali wasemva uMarc van Heerden ubhengeze ku-X ngokuhlwa kwangeCawa ukuba uyekile ukudlala ibhola ekhatywayo.

“Ndiyeka ngokusesikweni kulomdlalo ondinike konke. Ndifike kulomdlalo ndiseyinkwenkwana, ngoku ndiwushiya ndiyindoda. Emva kweminyaka engamashumi amabini, ngoku ndizakuqalisa uhambo lokuqeqesha,” uVan Heerden ubhale watsho ku-X.

UVan Heerden, oneminyaka engamashumi amathathu anesithandathu, uchithe ezisizini zimbini zigqithileyo edlalela iCape Town City emva kokuzimanya neliqela esuka kwiqela laseCape Winelands iStellenbosch FC.

Lenzalelwane yaseRhawutini ikhe yadlalela AmaZulu, i-Orlando Pirates, iChippa United kunye ne-University of Pretoria. 

“Ndiyeka emva kokuzinikela ngokupheleleyo. Esi sisiphelo sesisahluko nesiqalo sesahluko esitsha. Ndibulela kwibhola ekhatywayo,” utshilo uVan Heerden. 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php