Uninzi lwabantu obeluseStation eThekwini luye phaya lulindele ukuba uPhikelelani ‘Stinger’ Khumalo aphumelele kumlo wakhe noFaustin Bukasa waseDemocratic Republic of the Congo (DRC) ngokuhlwa kwangoMgqibelo.

Kwaye ke, uKhumalo, owayengumdlali webhola ekhatywayo, akakhange abadanise abantu njengokuba enqumamise uBukasa kumjikelo wesithathu, waze ngaloondlela waphumelela intshinga ye-African Boxing Union (ABU) SADC kudidi lwemiddleweight. 

Nangona nje umlo ukhawuleze waphela, asinakuthi lempumelelo ibelula kuKhumalo, ovuke phantsi wazivuthulula uthuli emva kokuwiswa nguBukasa kumjikelo wokuqala. Ngokuphumelela lomlo, uKhumalo ubeyimbethi-manqindi yesithathu ukoyisa uBukasa.  

Kusenjalo, injinga yaKwaZulu-Natal uMnelisi Ndlovu uphumelele intshinga ye-ABU SADC kudidi lwentambanani emva kokunqumamisa u-Arnel Lubisi waseMpumalanga kumjikelo wesine, logama uNtethelelo Magcaba enqumamise u-Andile Mafeka kumjikelo wesithathu, waze waphumelela intshinga ye-ABU SADC kudidi lwejunior-bantamweight. 

Ezinye iziphumo:

UJoshua Pretorius ulwe ngokulingana noYoussouf Mwanza

UPhumelele Ngcobo ubethe uHenry Omedowa ngokumnqumamisa kumjikelo wesine

U-Asanda Mkhwanazi ubethe uNothando Ncube ngokumnqumamisa kumjikelo wesithathu

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php