Afumene inkuthazo amalungiselelo kaSivenathi ‘Special One’ Nontshinga omlo wentshinga yehlabathi kunye noMasamichi Yabuki waseJapan njengokuba etyunjwe wangomnye wabagqatswa kwi-Eastern Cape Sport and Recreation Achievers Awards. 

Lenjinga ye-International Boxing Federation (IBF) kudidi lwejunior-flyweight ingomnye wabagqatswa kwiwonga leSport Star of the Year, apho ikhuphisana khona no-Anika Maree (powerlifting), uJaco Smit (para-athletics) noNtombomhlontlo Somtswayi (para-table tennis).

UNontshinga, oneminyaka engamashumi amabini anesihlanu, waphulukana nentshinga yakhe ngethuba enqunyanyiswa kumjikelo wesibini ngu-Adrian Curiel Dominguez waseMexico eMonaco ngoNovemba kulonyaka ophelileyo. Emva koko, uNontshinga wanqumamisa uDominguez kumjikelo weshumi e-Oaxaca kwelaseMexico ngoFebruwari kulonyaka.  

Umsitho uzakubanjelwa kwihotele yaseBoardwalk, eGqeberha, ngoLwesihlanu umhla weshumi elinanye kuSeptemba, kwaye uNontshinga uzakube eseJapan ngeloxesha njengokuba ezakukhusela intshinga yakhe kuYabuki ngomhla weshumi elinambini. 

Ukuba ngumgqatswa kukaNontshinga kwenziwa ubulungisa emva kokuba bengazange bamsele so kulonyaka ophelileyo nangona nje wayephumelele iwonga leBest Male Boxer of the Year kwiiSouth African Boxing Awards wzaziseThekwini ngoJuni kulonyaka ophelileyo.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php