Kungekudala kuzakunyanzeleka ukuba u-Asemahle ‘The Predator’ Wellem anyuse ubunzima ukusuka kudidi lwesuper-middleweight ukuya kolwelight-heavyweight njengokuba emhokamhokana nobunzima nje. 

Lenjinga yoMzantsi Afrika kudidi lwesuper-middleweight izakulwa kwimilo emibini, kwiindidi ezimbini zobunzima, kumazwekazi amabini kwisithuba esingaphantsi kwenyanga phakathi kwemilo. 

UWellem uzakulwa nommi waseRussia u-Artysh Lopsan kumlo wentshinga engenamntu kwi-Eurasian Boxing Parliament kudidi lwesuper-middleweight eChelyabinsk kwelaseRussia ngoMgqibelo umhla weshumi elinesithandathu kuNovemba. 

Kwiintsukwana nje ezingaphantsi kwenyanga, uWellem uzakube esilwa noConor Wallace wase-Australia kumlo wentshinga yeWorld Boxing Association (WBA) Oceania kudidi lwelight-heavyweight eFortitude Music Hall, eFortitude Valley, kwelase-Australia. 

“Eneneni, kungumcelimngeni ukwenza ubunzima bodidi lwesuper-middleweight. Kodwa, sisenexesha lokokuba singabenza ubunzima kumlo wethu womhla weshumi elinesithandathu kuNovemba,” utshilo uPhumzile Matyhila, oqeqesha uWellem. 

“Sizakulwa kwimilo emibini phakathi kwangoku nalenyanga ezayo. Sizakuqala ngomhla weshumi elinesithandathu kuNovemba, kwaye sizakulwela ukuba siphinde silwe ngoDisemba.” 

Ephefumla malunga nokokuba kutheni na uWellem, owaphumelela intshinga yoMzantsi Afrika kudidi lwesuper-middleweight ngethuba ebetha uCowin Ray ngo-Okthobha 2022, ezakulwa kolunye udidi nje ngoDisemba, uMatyhila uthe: “Ngabaququzelelli bomlo abafune ukuba silwe kudidi lwelight-heavyweight, nathi siye savuma kuba asinangxaki.”

UWellem ulwa noWallace, oyinzalelwane yaseNorthern Ireland, e-United Kingdom, ngoLwesithathu umhla weshumi elinanye kuDisemba. – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php