Njengokuba kubonakala ukuba ungangabikho umlo weveki ezayo noLindokuhle ‘Hitman’ Dlamini, abalawuli baka-Aphiwe ‘Swagger’ Mboyiya bebemzamela umlo kunye noSibusiso Zingange.
Kodwa liphanzile ilinge elo njengokuba uZingange, owayeyinjinga yoMzantsi Afrika kudidi lwejunior-lightweight, engavumanga ukulwa okwesithathu noMboyiya kumlo obuzakubanjelwa e-Orient Theatre, eMonti, ngoMgqibelo umhla wamashumi amabini anesithathu.
“Ewe, bebendinikile umlo. Kodwa andivumanga kuba lilincinane kakhulu ixesha lokuwulungiselela. Andikwazanga ukuwuthabatha umlo endiwunikwe sele kuphele neeveki ezimbini ngaphambi kokuba ubekhona,” utshilo uZingange.
Abaququzeleli betumente yeveki ezayo iKay B Promotions izibone isengxakini emva kokuba ikomiti evuma nekhaba imilo kwaBoxing South Africa (BSA) yalile ukuvuma umlo kaMboyiya noDlamini. U-Irvin Buhlalu, uTinyiko Nkatingi, uMasibulele Makepula noDroeks Malan bangamalungu ekomiti evuma nekhaba imilo kwaBSA.
Lekomiti yale lo mlo ngelithi uMboyiya, owayeyintshatsheli yoMzantsi Afrika kudidi losiba nolwejunior-lightweight, unamava angaphezulu kakhulu kulawo anawo uDlamini.
UMboyiya, oyinjinga yaseMpuma Koloni kudidi lwejunior-welterweight, uphumelele imilo elishumi elinesibhozo, engqengqise amadoda alithoba, wabethwa kwimilo emithandathu, waze walwa ngokulingana kumlo omnye.
Ukanti, uDlamini uphumelele izihlandlo ezine, enqumamise amadoda amabini, wabethwa kabini, waze walwa ngokulingana kumlo omnye. – Monwabisi Jimlongo