Emva kokuqala unyaka kakuhle kakhulu ephumelela intshinga yehlabathi, uJackson ‘M3’ Chauke, oyimbethi-manqindi ezinze eTembisa, ugqiba unyaka ngenyathelo elibi ngenxa yokunqatyelwa yimilo.  

UChauke wayecinga ukuba ukuphumelela intshinga ye-International Boxing Organisation (IBO) kudidi lwempukane kuzakumzisela imilo eliqela, kodwa akwenzekanga oko njengokuba kunzima ukufumana umntu onokulwa naye. 

UChauke, oneminyaka engamashumi amathathu anethoba, wabetha uQuaise Khademi, oyinzalelwane yase-Afghanistan, eLondon ukuze aphumelele intshinga ye-IBO neyayingenamntu ngoJanyuwari kulonyaka. 

Eyona nto eyenza ibembi ngakumbi imeko yalenjinga yamhlamnene kudidi lwempukane eMzantsi Afrika kukuba ayisenaye nomthelekisi. 

“Indifaka phantsi koxinezelelo lemeko, kwaye indophula umoya. Ndaphumelela intshinga yehlabathi, ngoku ndinqatyelwe yimilo,” utshilo uChauke. 

“Andikaziqeqeshi ukususela kuleveki ephelileyo. Ndisathe xha kude kube nguJanyuwari. Ukungabi naye nomthelekisi lo kwenza izinto zibe mandundu.”

Okunikisa umdla kukuba nangona nje uChauke esokola ukufumana imilo, yena uKhademi sele elwe kathathu, ephumelele kabini, wabethwa kanye. – Monwabisi Jimlongo  

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php