Nangona engenangxaki nokokuba uSiyabulela Hem ekhusela intshinga yakhe yoMzantsi Afrika kudidi lwejunior-featherweight kumlo noBongani Mahlangu, umqeqeshi wamanqindi u-Alan Toweel uziva ephetheke kakubi njengokuba imbethi-manqindi yakhe uVusumuzi Ngcamu wayetyikitye isivumelwano somlo nalentshatsheli ezinze eDuncan Village.

Kulenyanga ephelileyo uNgcamu wakrwecwa ngabaphathi bakaHem, bemnika ithuba lokucela umngeni kulentshinga. Kwaye uNgcamu watyikitya isivumelwano somlo, wasithumela kubaphathi bakaHem. 

Kodwa izinto zaguquka mhla kwaphumelela isibheno sikaMahlangu malunga nomlo wangoSeptemba. Abagwebi abazimeleyo bathi uMahlangu wawuphumelela lamlo noHem nto ke leyo eyakhokelela ekubeni uBoxing South Africa (BSA) ayalele ukuba baphinde balwe. UMahlangu noHem bazakulwelwa e-Orient Theatre, eMonti, ngoMgqibelo umhla weshumi elinesine kuDisemba. 

“Satyikitya isivumelwano sokulwela intshinga yoMzantsi Afrika. Sasityikitya ngomhla weshumi elinesixhenxe ku-Okthobha. Ndicinga ukuba kukho ixanasi kulento ngoku, ingakumbi njengokuba kungakhange kubekho nomntu osixeleleyo ukuba kwenzeka ntoni na,” utshilo uToweel. 

“Sava ngamajelo eendaba ukuba uHem uzakulwa noMahlangu. Kwaye saphinda safumanisa ukuba isivumelwano somlo asizange sifakwe kwaBSA, kwakungekho kwatumente ngomhla wamashumi amabini anesine kuNovemba. Ayilunganga lento. Umthelekisi akazange asixelele nto ngeenguqu.”

UToweel wongeze ngelithi: “Ngokuqinisekileyo, kufanele ukuba ibekhona into eyenzelwa imbethi-manqindi yam. Ewe ndiyamkele into yokokuba siphumelele isibheno sikaMahlangu, kwaye uzakulwa noHem kwakhona. Konke endikucelayo kukuba imbethi-manqindi yam inikwe ithuba lokulwa nophumeleleyo phakathi kukaHem noMahlangu. 

“Ndithethile noJazz (uLwandile Ntsito) wasuka wandithumela kuLinda Saliwa oye wathembisa ngokubuyela kum. Ndisalindile nangoku. Ndifuna ukuyicacisa into yokokuba andinangxaki nomlo kaHem noMahlangu. Qha ndinento ethi ophumeleleyo makalwe noNgcamu. Sidleke kakhulu silungiselela ukulwa noHem. Mna ndicela ukuba imbethi-manqindi yam inikwe ithuba lokulwa nophumeleleyo phakathi kukaHem noMahlangu.” 

Ukanti uSaliwa uthethe wenjenje ngethuba ekrwecwa: “Ewe, sasityikitye ukuba sikhusele kuNgcamu emva kokungafumaneki komntu okwindawo yokuqala. Thina sithabatha imiyalelo kuBSA, yiyo lonto uHem ezakukhusela kuMahlangu.” – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php