Kubonakala ngathi zibaliwe iintsuku zowayeyintshatsheli yehlabathi Sivenathi ‘Special One’ Nontshinga kudidi lwejunior-flyweight njengokuba ezakulwa kudidi olutsha kulonyaka ozayo.
Kodwa ke, ayikacaci into yokokuba lenjinga yamhlamnene kwi-International Boxing Federation (IBF) kudidi lwejunior-flyweight neyinzalelwane yaseMonti izakunyuka iyokulwa kudidi lwempukane okanye olwejunior-bantamweight kusini na.
“Ezo ziingxoxo ekufuneka sinazo. Andiyichasanga into yokwenyukela ngentla. Eneneni, ukunyukela ngentla ingasisigqibo esihle. Okokuqala, kukho izinto ezimbalwa ekufuneka ndiziqondile,” utshilo uColin ‘Nomakanjani’ Nathan, ongumqeqeshi nomlawuli kaNontshinga.
UNontshinga, ozakubhiyozela iminyaka engamashumi amabini anesithathu ngoLwesibini umhla wesithathu kuDisemba, wanqunyanyiswa yimbethi-manqindi yaseJapan uMasamichi Yabuki kumjikelo wethoba kumlo owawuse-Aichi Sky Expo, eTokoname, kwelaseJapan phantse kwisithuba seenyanga ezimbini ezigqithileyo.
Emva kokubetha uSandile Wessels kumlo wakhe wokuqala kudidi lwabahlawulwayo ngoJulayi 2017, uNontshinga wahamba wayokuphumelela imilo elishumi elinesithathu, enqumamise amadoda alishumi, ebethwe kwimilo emibini. – Monwabisi Jimlongo