Imbethi-manqindi engudubul’egeqa uMxolisi ‘Nation’ Zuma waseMpangeni, KwaZulu-Natal, uneenjongo zokucela umngeni kwintshatsheli yoMzantsi Afrika kudidi lwejunior-featherweight uSiyabulela ‘Showtime’ Hem ebutsheni bonyaka ozayo.
UHem, oneminyaka engamashumi amabini ananye, unqumamise igqala uBongani ‘Wonderboy’ Mahlangu, omdala kuye ngeminyaka engamashumi amabini anesine, kumjikelo wesithathu kumlo wabo obuse-Orient Theatre, eMonti, ngokuhlwa kwangoMgqibelo.
“Ndizakuthetha nabaphathi bam, kwaye ndiqinisekile ukuba sizakucela umngeni kuye ngoku. Kwakufanele ukuba ndawucela umngeni kuye, kodwa akuzange kwenzeke oko kuba ndandisele ndityikityele ukulwela intshinga ye-ABU,” utshilo uZuma.
Ephumelele ngokunqumamisa amadoda kuyo yolithoba imilo yakhe, uZuma, oneminyaka engamashumi amabini anesithandathu, ukholelwa ukuba angambetha uHem waseDuncan Village, eMonti. Naye uHem unemilo elithoba, kodwa yena uphumelele esixhenxe, enqumamise amadoda amane, wabethwa komnye, waze walwa ngokulingana komnye.
“Ndingalwa naye naphi na apha kwelilizwe. Ndingaya naseMonti, andimoyiki. Ngenye imini abantu bazakubona ukuba ngubani ophambili koludidi lwethu,” utshilo uZuma, oyintshatsheli ye-African Boxing Union (ABU) kudidi lwejunior-featherweight. – Monwabisi Jimlongo