UPhikelelani ‘Stinger’ Khumalo uceba ukothusa uJohn ‘Section 29’ Bopape njengokuba engafuni ukuba lentshatsheli yoMzantsi Afrika kudidi lwemiddleweight iqhubele phambili nokubetha iimbethi-manqindi zaKwaZulu-Natal.  

UKhumalo uzakucela umngeni kuBopape, onqumamise u-Ayanda Mthembu, uSnamiso Ntuli noNkululeko Mhlongo kwimilo yakhe yokugqibela emithathu esilwa neembethi-manqindi zaKwaZulu-Natal. 

Ezimbethi-manqindi zimbini zizakube zivana amandla kumlo wentshinga yoMzantsi Afrika kudidi lwemiddleweight eGreyville Convention Centre, eThekwini, ngoLwesihlanu kuleveki ezayo.

“Sikholelwa ukuba siwulungele umlo ngoku. Besiziqeqesha nzima njengokuba sifuna ukuwuphumelela lomlo,” utshilo uKhumalo, oneminyaka engamashumi amabini anesixhenxe.

Ephefumla ngoBopape owenze kakuhle kwimilo neembethi-manqindi zaKwaZulu-Natal, uKhumalo uphefumle wathi: “Kungenzeka ukuba uzibethile iimbethi-manqindi zaseKZN kwilixa eligqithileyo, soze ayenze lonto kum. Ndizakumbonisa ukuba mna ndiyimbethi-manqindi eyohlukileyo kwezimbethi-manqindi azibethileyo.” 

Kusenjalo, lomdlali wamhlamnene kwiLamontville Golden Arrows neMaritzburg United uzakuya kumlo noBopape emva kokuphumelela izihlandlo ezintathu kwimilo yakhe emihlanu yokugqibela.  

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php