Iqela elizinze eNaturena, iKaizer Chiefs, ibhengeze ukuba ityikitye u-Elias Mokwana, emfumene simahla emva kwemini ngoLwesithathu.

Lenzalelwane yaKwaMhlanga kwiphondo laseMpumalanga, izibandakanye neChiefs emva kokudlala kumNtla Afrika, apho yayidlalela i-Espérance Sportive de Tunis yaseTunisia kunye ne-Al Hasem kwiSaudi Pro League ekuMbindi Mpuma.

UMokwana, oneminyaka engamashumi amabini anesixhenxe, wanikela umva iqela elidlala kwiPremiership, iSekhukhune United, esiya eTunisia ngo-2024. 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php