IMamelodi Sundowns ibeliqela lokuqala ukufikelela kumdlalo owandulela amagqibelakankqoyi eCarling Knockout Cup emva kokubetha iLamontville Golden Arrows ngenqaku elinye eqandeni kumdlalo obubanjelwe eLoftus Versfeld, ePitoli, ngokuhlwa kwangoLwesibini.
Emva kokuba lamaqela mabini efedile ukufaka amanqaku kwimizuzu engamashumi amane anesihlanu yokuqala, ifolosi yeBafana Bafana, u-Iqraam Rayners, ungcangcazelise umnatha ngomzuzu wamashumi amathandathu anethoba kwibhola ebisuka ku-Antonio van Wyk. Okunikisa umdla kukuba uRayners noVan Wyk babesayakudlala kunye kwiqela laseCape Winelands, iStellenbosch FC.