Irekhodi elihle kakhulu lembethi-manqindi azakulwa nayo alimothusi, kwaye aliloyikisi ufafa olude lwembethi-manqindi, eyinzalelwane yaseMnambithi nekwayintshatsheli yaKwaZulu-Natal kudidi lwesuper-middleweight uSnamiso Ntuli. 

Endaweni yoko, uNtuli akakwazi nokulilindela ithuba lokungena eqongeni avane amandla nembethi-manqindi yaseNamibia ebetha ngamandla nengekabethwa uPaulinus Ndjolonimus, onqumamise amaxhoba alishumi elinesixhenxe kumaxhoba alishumi elinethoba.  

Lo mlo weWorld Boxing Organisation (WBO) Africa kudidi lwesuper-middleweight phakathi kwezimbethi-manqindi zimbini uzakubanjelwa e-Aramex Hall, eWindhoek, ngoMgqibelo umhla weshumi elinambini ku-Epreli. 

“Alindoyikisi irekhodi lakhe. Ngendingawuthabathanga lo mlo ukuba bendimoyika,” utshilo uNtuli, oqeqeshwa nguReginald Khumalo.

Ekuqaleni, uNtuli, oneminyaka engamashumi amabini anethoba, wayenyeke ukucela umngeni kwintshatsheli yoMzantsi Afrika kudidi lwesuper-middleweight u-Asemahle Wellem, kodwa ngoku ujolise zonke iintolo zakhe kuNdjolonimus. 

“Elona phupha lam kukulwela intshinga yoMzantsi Afrika. Ndizakuya eNamibia, ndibuyele ekhaya ndizokulwela intshinga yoMzantsi Afrika,” utshilo uNtuli, obekwa kwindawo yokuqala eMzantsi Afrika. 

UNtuli, owaphumelela intshinga yaKwaZulu-Natal emva kokunqumamisa u-Andile Mntungwa kumjikelo wesihlanu ngoMatshi kulonyaka ophelileyo, walwa kakuhle kakhulu ngethuba ebetha uDonjuan van Heerden ngamanqaku e-Emperor’s Palace, eKempton Park, ngo-Agasti. – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php