Emva kokuzithi jwaxa isipho sokuzalwa lungekafiki usuku lwakhe lokuzalwa, uSimamkele Tutsheni uzakuhlala ethembeni njengokuba eyintshatsheli ye-International Boxing Organisation (IBO) All-Africa kwicandelo labasetyhini kudidi lwejunior-featherweight.

UTutsheni, ozakubhiyozela ukufinca iminyaka engamashumi amabini anesine ngeCawa umhla wamashumi amathathu ananye ku-Agasti, uphumelele ngokungaxoxisiyo ngethuba ebetha uCaleigh Swart ngamanqaku e-Emperors Palace, eKempton Park, Ekurhuleni, ngokuhlwa kwangoMgqibelo. 

Eqeqeshwa nguFelix Venganayi eKapa, uTutsheni akakabethwa njengokuba eyiphumelele yosibhozo imilo yakhe, enqumamise oosisi abathathu.

“Kuthetha lukhulu kum ukuphumelela lentshinga njengamntu ohlala elokishini. Siyazi sonke ukuba ngamaxesha athile abantu baselokishini bajongelwa phantsi ngenxa yendawo abahlala kuyo. Ndisebenze nzima kuba bendifuna ukuwuphumelela nyhani lomlo, bendiyifuna lebhanti,” utshilo uTutsheni. 

“IGolden Gloves isinike iqonga, saze senza kwenzeka. Sibabonisile abantu ngendlela esilwe ngayo. Ndilibeke phezulu igama lam kunye nelaseNgqeleni.” 

Ephumelele intshinga yakhe, ngoku uTutsheni unethemba lokokuba zizakubaninzi iitumente eziquka imilo yabasetyhini, lonto ingenzeki kuba kungo-Agasti, inyanga yamanina. – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php