I-Orlando Pirates ingenile kumaqela amane okugqibela kwiCarling Knockout emva kokuquthisa iMagesi FC ngamanqaku amabini kwelinye e-Orlando Stadium, eSoweto, ngokuhlwa kwangoLwesibini. 

Emva kwendlala yamanqaku kwisiqingatha sokuqala, iiBuccaneers zibuye ngamandla zaze zafumana inqaku elihle elifakwe nguTshepang Moremi ngomzuzu wamashumi amahlanu anesihlanu.

U-Evidence Makgopa uqinisekise ukuba iPirates ilahlela iMagesi ngaphandle kolukhuphiswano ngethuba efaka inqaku lesibini ngomzuzu wamashumi asibhozo anesixhenxe. 

ULehlogonolo Mokone ufake inqaku leMagesi xa kanye uzakuphela umdlalo. Kodwa elonqaku alikwazanga ukuyisindisa iMagesi, eyaphumelela lendebe kulesizini ephelileyo. 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php