Ehleli iinyanga ezisibhozo engalwi, uBukiwe ‘Anaconda’ Nonina uzakubuyela eqongeni ngethuba esilwa noNatalia Shadrina waseSerbia ngoMgqibelo kuleveki ezayo.
Lenjinga yamhlamnene eMzantsi Afrika nakwiWorld Boxing Federation (WBF) kwicandelo labasetyhini kudidi lwentambanani ilwa noShadrina kwimijikelo esibhozo eMoscow kwelaseRussia ngoMgqibelo umhla weshumi elinesihlanu kuNovemba.
UNonina, owaphumelela iwonga lokuba yimbethi-manqindi yonyaka ka-2016 moka-2017 kwicandelo labasetyhini uzakunikela umva uMzantsi Afrika, entingela eRussia ephelekwe ngumqeqeshi u-Immanuel Mutavhatsindi ngoLwesithathu kuleveki ezayo.
Lenzalelwane yaseKlerksdorp kwiphondo loMntla Ntshona yabethwa nguBernice Ferreira kumlo wayo wokugqibela nowawubanjelwe eGalleria, eSandton, eRhawutini, ngoMatshi kulonyaka.
Kusenjalo, uShadrina, owazalelwa eRussia noneminyaka engamashumi amathathu anesihlanu, ligqala eliphumelele imilo engamashumi amane, lanqumamisa oosisi ababini, wabethwa kwimilo engamashumi amabini.