Zuko Mdunyelwa of Mamelodi Sundowns during the Betway Premiership 2025/26 match between Mamelodi Sundowns and Chippa United at Loftus Stadium in Pretoria on 3 April 2026 ©Alche Greeff/BackpagePix

IMamelodi Sundowns iqinisekise ukuba iqhubela phambili nokubetha iChippa United njengokuba iyiquthise ngamanqaku amane kwelinye kumdlalo weBetway Premiership eLoftus Versfeld, ePitoli, ngokuhlwa kwangoLwesihlanu.

Izangxa zaseTshwane zifake inqaku lazo lokuqala lisiza noMarcelo Allende emva kokubetha unozinti weeChilli Boys uDumisani Msibi ngomzuzu wamashumi amabini ananye. Ziphindile kwakhona iiBrazilians zafaka elesibini kwimizuzu elishumi elinesithandathu elandelayo lisiza no-Iqraam Rayners.  

IiChilli Boys zakwiphondo iMpuma Koloni zifake inqaku kwimizuzu emithandathu ngaphambi kokuhlaba ikhefu lisiza noSinoxolo Kwayiba.

UTashreeq Matthews ubethe inqaku lesithathu leeBrazilians ngomzuzu wamashumi asibhozo anesine, waze uBrayan León wabethelela isikhonkwane sokugqibela kumkhumbi weeChilli Boys kwixesha elongezwe ngusompempe. 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php