Umlawuli webhola ekhatywayo uBheki Shongwe ubuyele kwiKaizer Chiefs njengengqonyela eyintloko kanye nje emva kweminyaka elishumi elinesine washiya kwisikhundla awayesibambile kweliqela.
UShongwe wakhe wabangumlawuli oyintloko kwiChiefs phakathi konyaka ka-2009 no-2012, kwaye ebehleli engomnye wabaqondisi beliqela.
Nanjengokuba ke uShongwe ebuyele kwiChiefs, lonto ithetha ukuba uzakubasezintanjeni ntsuku zonke, aphinde anike iingxelo kusihlalo weqela uKaizer Motaung nebhodi yakhe.