IBafana Bafana igalelekile ePachuca, apho izakuzinza khona kwelaseMexico ngaphambi kokuqala kwetumente yeNdebe yeHlabathi nezakuqalisa kuleveki ezayo.
Eliqela ligaleleke kwelaseMexico ngoLwesibini emva kohambo olude obelusuka eRhawutini lwayokujikela eCape Verde kunxweme lweNtshona Afrika.
Ngokokutsho kweSouth African Football Association (SAFA), iBafana ifike ilindelwe lihlokondiba loonondaba njengokuba abemi baseMexico besithi ukhulile umdla kweliqela njengokuba lizakuvula itumente ngomdlalo neMexico e-Azteca Stadium, eMexico City, ngoLwesine umhla weshumi elinanye kuJuni.
Bonke abadlali basenkampini ePachuca kuquka nogqirha weliqela uGqirha Tshepo Molobi kunye nentloko yomhlalutyi wemidlalo uSinesipho Mali. Ukanti, isekela-mqeqeshi leBafana uHelman Mkhalele nonogada omkhulu weliqela uMdu Mbatha basendleleni esingise kwelaseMexico.
IBafana igxumeke iintente zayo ePachuca, apho izakuzinza khona kuletumente yeNdebe yeHlabathi njengokuba izakuziqeqesha e-Universidad del Futbol.
Iqela lomqeqeshi uHugo Broos lihlala kwihotele iCamino Real Pachuca, kwaye kulindeleke ukuba liziqeqeshe okokuqala eMexico emva kwemini ngokwexesha laseMexico.