IKaizer Chiefs iqinisekisile ngokuhlwa kwangoMvulo ukuba imkhululile umdlali wasesiswini, uThabo Cele, emva kwesivumelwano samacala onke achaphazelekayo.
Ngoku lenzalelwane yaKwaMashu, eThekwini, neneminyaka engamashumi amabini anethoba ikhululekile ukuba izikhethele iqela enokutyikitya nalo.
“IKaizer Chiefs isiqhawulile isivumelwano sengqesho noThabo Cele emva kwesivumelwano samacala onke kulandela iingxoxo phakathi komdlali neliqela,” aphefumle atsho Amakhosi.
“Esisigqibo sizakuvumela ukuba uCele ayokukhangela amathuba amatsha, logama Amakhosi eqhubela phambili nokulungisa iqela lawo kulesizini ka-2026/27. Lomdlali wasesiswini, oyinzalelwane yaKwaMashu, wazibandakanya neeGlamour Boys ngoJanyuwari 2025, ezisa amava akhe okudlala eYurophu nakwiqela loMzantsi Afrika, kwaye wadlala umdlalo wakhe wokuqala ngqa kumdlalo wedabi laseSoweto kwinyanga elandelayo.”
Amakhosi atyatyadule athi: “Kwiinyanga ezilishumi elinesibhozo elapha kwiChiefs, udlale imidlalo engamashumi amathathu apha eMzantsi Afrika nakwimidlalo yokhuphiswano lweCAF. Waphumelela iNedbank Cup neliqela kwiinyanga nje ezine emva kokufika kwakhe. Sibulela “Induna Yendawo” ngokuzinikela kwayo ngexesha idlalela iKaizer Chiefs, kwaye simnqwenelela amathamsanqa kwikamva lakhe.”