Ukungqengqiswa kwakhe xa bekuqala umjikelo wesibini nangethuba kubonakala ukuba uCalvin Madondo angamgqibezela, uNtethelelo Nkosi ubuye kakubi, waze wawuphumelela umlo wakhe e-Emperors Palace, eKempton Park, Ekurhuleni, ngokuhlwa kwangoLwesine.

UMadondo wothuse uNkosi ngethuba emwisa ekuqaleni komjikelo wesibini. Kodwa uNkosi uye wanyamezela, wawugqiba umjikelo wesibini esemandleni angummangaliso, kwaye ukhe wamngqengqisa lommi waseZimbabwe. 

Ebona ukuba uMadondo akaphethanga nto, uNkosi, owayeyinjinga yoMzantsi Afrika kudidi lwejunior-welterweight, uye wonda ngaye, embetha kakhulu, yade ikona yakhe yaphelisa umlo ngokuphosa itawuli. 

UNkosi uphumelele okokuqala ukususela mhla wabethwa kumlo owandulela amagqibelankqoyi kwiWBC Grand Prix kulonyaka ophelileyo, kwaye ibisisihlandlo sesibini uMadondo ebethwa kwimilo emibini elandelelanayo.

Emva kokubuyela apho wanqunyanyiswa khona nguMonica Mkandla kumjikelo wesithandathu ngoJulayi, uSimamkele Tutsheni ubonakalisile ukuba useyinto ngobunto bayo emanqindini njengokuba enqumamise uMisiwe Ndlovu kumjikelo wesibini.  

Eqale ngokucotha, lomcimi-mlilo ozinze eKapa uwunyusile umgangatho, waze wawisa uNdlovu ekuqaleni komjikelo wesibini. UNdlovu uye wasukuma, waphathelela emlweni, kodwa imvula yamanqindi kaTutsheni inyanzelise ukuba usompempe, uPumeza Zinakile, awuphelise umlo. 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php