Ibala laseGqeberha, apho kwadlalwa khona imidlalo yeNdebe yeHlabathi yango-2010, iNelson Mandela Bay Stadium, izakusingatha umdlalo wayo wokuqala kulesizini xa iChippa United inyathelana neKaizer Chiefs kumdlalo weBetway Premiership ngoMgqibelo, umhla wamashumi amabini anesibhozo kuNovemba.

Elibala lilinde into engaphaya kweenyanga ezimbini ukuba lisingathe umdlalo ngenxa yokokuba belisalungiswa ukuze libekwimeko eyiyo. 

Njengokuba bekusalungiswa ibala, iiChilli Boys zadlalela imidlalo yazo yasekhaya yeqondo eliphezulu eKing’s Park Stadium, eThekwini, naseBuffalo City Stadium, KuGompo City. Zaquthiswa yi-Orlando Pirates ngamanqaku amathathu eqandeni eThekwini, zaze zabambana ngenqaku elinye macala omabini neMamelodi Sundowns KuGompo City. 

IiChilli Boys zidlalile naseDobsonville Stadium, eSoweto, apho zadlala ngokulingana ngenqaku macala omabini neRichards Bay FC kumdlalo weBetway Premiership. 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php