Emva kokuba ebekhe wawiswa wayokuthi thekence phantsi kumjikelo wesithathu kumlo wakhe noSelemani ‘Mamba’ Kidunda, u-Asemahle ‘The Predator’ Wellem, oyimbethi-manqindi yoMzantsi Afrika, ubuye kakuhle, waze wanyanzela ukuba babentanga nye kulomlo obubanjelwe eWarehouse, eMasaki, kwintloko dolophu iDar-Es-Salaam kwelaseTanzania ngentseni yangoMgqibelo.

Ngenxa yokokuba kungekho ophumeleleyo kulomlo phakathi kwakhe noKidunda, oneminyaka engamashumi amane, uWellem uyikhusele ngempumelelo intshinga yakhe yeWorld Boxing Foundation (WBF) Intercontinental kudidi lwesuper-middleweight. 

Emveni kokuthabatha umlo awuse kuWellem, uKidunda uyothusile intshatsheli yoMzantsi Afrika kudidi lwesuper-middleweight ngokuyiwisa kumjikelo wesithathu. Kodwa uWellem waseChintsa, eMpuma Koloni, uye wabambelela wade waphela lomjikelo. 

Ecinga ukuba uwuphumelele umlo njengokuba ebesele esilwa ehlehlela ngasemva, uKidunda uye wawa, wabalelwa kumjikelo weshumi elinambini nobingowokugqibela. 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php