Amanqindi ephondo laKwaZulu-Natal aphinde abethwa iduma elingatsitywa ntwala ngokusweleka kwenye imbethi-manqindi, uSkhumbuzo Ximba, owe isiduli, waze wabhubha emva kokuzilolonga ngokuhlwa kwangoLwesihlanu.  

UXimba, obedlala kudidi lwejunior-featherweight, ebelungiselela umlo wakhe wangoLwesihlanu kuleveki ezayo, apho ebezakuvana amandla kunye noLukhuxolo Mabece kwitumente yeBoxing5 Promotions eBox Camp Booysens, eRhawutini. UXimba wagqibela ukulwa ngethuba enqunyanyiswa kumjikelo wesithathu nguSiyabulela Hem eMeropa Casino, ePolokwane, ngoJuni wonyaja ophelileyo.

Ukubhubha kukaXimba kuza kanye emva kweeveki ezimbalwa kusweleke enye imbethi-manqindi yaKwaZulu-Natal, uMamelo ‘Slow Poison’ Sithole. 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php