By Monwabisi Jimlongo 

ULandile ‘Man Down’ Ngxeke usamangalisiwe, kwaye wothukile emva kokuba uYanga Sigqibo, uSikho Nqothole noSabelo Ngebiyana bebonakalise umdla wokulwa naye ngoku emva ‘kokumbaleka’ ngexesha esalwa kudidi lwejunior-bantamweight. 

USigqibo, uNqothole noNgebiyana bakhwaze bade batsha amazwi besithi bamfuna eqongeni lomfana waseSada. UNgxeke, owayesakuba yintshatsheli yoMzantsi Afrika kudidi lwejunior-bantamweight, usakhwankqisiwe nangoku. 

“Ngesiquphe, bonke bafuna ukulwa nam ngoku. Ndiyothuka kukuva ukuba ngoku balwa kudidi lwentambanani. Ukugqibela kwam ukujonga, uSigqibo noNqothole babesilwa kudidi lwejunior-bantamweight. Hayi ke yena uSabelo ndamgqibela esilwa kudidi lwejunior-featherweight. Nabo ngoku bayandikhwaza. Andiboyiki xa bebonke,” utshilo uNgxeke.

Lenjinga yoMzantsi Afrika kudidi lwentambanani, esuka eSada ngaphantsi komaspala wesithili saseChris Hani, yongeze ngelithi: “Ingxaki ke ngoku kukuba akukho namnye kubo okuluhlu lweembethi-manqindi ezilishumi eziphezulu kudidi lwentambanani apha eMzantsi Afrika. Mhlawumbi bandikhwaza kuba benamagama amakhulu. Eyona nto endimangalisayo kukuba bandibaleka, abafuna ukulwa nam ngokuya ndandisilwa kudidi lwejunior-bantamweight. Andiyazi ukuba ingaba kuguquke ntoni na ngoku. Kodwa ke, ndingababetha bonke ngosuku olunye.”

UNgxeke, ozakufinca iminyaka engamashumi amabini anethoba ngomhla weshumi elinethoba ku-Epreli, akakalwi kususela mhla wanqumamisa uLusizo Manzana kumjikelo wesine ngexesha babelwela intshinga yodidi lwentambanani eyayingenamntu ngoDisemba wonyaka ophelileyo. 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php