Monwabisi Jimlongo

Imbethi-manqindi engekabethwa neyinzalelwane yaseZimbabwe, uBeaven Sibanda, utyikitye isivumelwano sokuthelekiswa ngabathelekisi bakwaGolden Gloves ngoMvulo. 

Ukutyikitywa kwesisivumelwano kuqinisekiswe nguSibanda kunye nomlawuli oyintloko kwiGolden Gloves, uRodney Berman. 

“Ewe, ndingaqinisekisa ukuba ndisityikityile isivumelwano neGolden Gloves. Ndiva kamnandi kuba mna ndifuna ukulwa qha,” uvume watsho uSibanda. 

Ukanti, uBerman uthethe wenjenje: “Eliyinene lelokokuba uSibanda wayokuziqeqesha kwenye indawo ngexesha ekwakukho amagingxingingxi phakathi kwethu noVusi. Wayengazange afune ukuhamba. Unathi ngoku. 

“Ndizakuba netumente entle kakhulu ngoJuni, kwaye uSibanda uzakulwa apho. Uyaziqeqesha kwiziko lokuziqeqesha likaBrian Mitchell ngaphantsi kwesandla sikaVusi Mtolo. UVusi ngoyena mqeqeshi oyintandane kum. Ewe sithubeleze kwiinkathazo ukumisela eliziko lokuziqeqesha kuba ndikholelwa ekubeni uVusi ukuluhlu okanye ngoyena mqeqeshi ophambili eMzantsi Afrika.”

Kusenjalo, uSibanda, oneminyaka engamashumi amabini anesibini, osuka eHarare, uyiphumelele yomithandathu imilo yakhe, wanqumamisa amadoda kwemibini.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php