Monwabisi Jimlongo

Lufikelele esiphelweni uhambo olwaqala kwiminyaka emininzi eyadlulayo njengokuba omnye wabagwebi nosompempe abanamava ehlabathini, uSiya Vabaza-Booi, elahlile ukuze ajongane nezinye izikhundla zakhe emanqindini. 

Kungoku nje, uVabaza-Booi uzakugxila kumsebenzi wakhe njengommeli weWorld Boxing Federation (WBF) kwilizwekazi i-Afrika kunye nokuba lilungu lekomiti evuma imilo kwiBoxing South Africa (BSA).  

“Ndiyifakile incwadi ethi ndiyekile ukuba ngumgwebi nosompempe,” uVabaza-Booi, ophumelele iimbasa eziliqela, uqinisekisile ngoMvulo. 

Yayingelohambo olulula kulomthandi nengcali yamanqindi, ukufikelela kwindawo ebekuyo ejamelene nemicelimngeni nezithintelo ezininzi njengokuba yayingamadoda kuphela ayengabagwebi noosompempe ngeloxesha.

“Ndalwa kakhulu ngaphambi kokuba ndibengumgwebi. Ndahlangabezana nemiqobo emininzi, abantu bezizithintelo endleleni yam. NguLoyiso Mtya kuphela umntu owayekwicala lam. Ndaba ngumgwebi opheleleyo ngo-1994,” utshilo uVabaza-Booi. 

UVabaza-Booi ulityhutyhile elimiweyo esebenzela iWorld Boxing Council (WBC), i-International Boxing Federation (IBF), i-International Boxing Organisation (IBO) neWorld Boxing Union (WBU). 

“Ndisebenzile eMntla naseMzantsi Melika. Ndisebenzile nakwilizwekazi iYurophu,” uqukumbele ngelitshoyo uVabaza-Booi. 

One thought on “UVABAZA-BOOI ULAHLILE NJENGOMGWEBI”

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php