ULucky Hobyane akathandabuzi ngento azazokuyenza eMonti, njengokuba ezakuvana amandla nenjinga yoMzantsi Afrika, uZolisa Batyi, ngeCawa.

Lenzalelwane yaseMalamulele, eLimpopo, eneminyaka engamashumi amathathu anesibini, icela umngeni kwintshinga kaBatyi kudidi losiba e-Orient Theatre. Kwaye uHobyane ukholelwa ukuba lentshinga izakutshintsha izikhundla ngeCawa.

“Ndiza eMonti, ndizokuthabatha intshinga kuBatyi. Khumbula ukuba uBatyi waphumelela lentshinga eLimpopo ebetha uJeff Magagane. Lentshinga izakubuyela ekhaya eLimpopo ngoku,” utshilo uHobyane.

Maxa wambi zibanovalo iimbethi-manqindi ezizokulwa eMonti njengokuba abanye abalandeli bamanqindi bekholelwa ukuba ziyaqhathwa kuledolophu eselunxwemeni. Kodwa ke, akunjalo kuHobyane njengokuba eqinisekile ngempumelelo. 

“Andoyiki mna ukulwa eMpuma Koloni. Ndiyazithemba, kwaye ndiyayazi into endizakuyenza kuBatyi. Ndizakulwa kakuhle ngethemba lokokuba uBatyi uwulungele umlo kuba mna andizuyokudlala phaya,” uqukumbele watsho uHobyane. 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php