UMphathiswa weZemidlalo uZizi Kodwa ubhengeze ukuba livuliwe ithuba lokufaka amagama abagqatswa abazakungena kwibhodi kaBoxing South Africa (BSA) kude kube ngoLwesihlanu umhla weshumi elinambini ku-Epreli. 

Lenkqubo ilandela emva kokuba iNational Professional Boxing Promoters Association (NPBPA) yaphumelela ekuthinteleni kokusebenza kwebhodi kaBSA eyayibandakanya uSifiso Shongwe, uPrincess Mangoma, uNande Mheshe, uSakhiwe Sodo, uLuxolo September, uRomy Titus noGqirha Mary-Gene Manthata-Setati ngoDisemba kulonyaka ophelelileyo, isithi akuzange kunxityelelwa nayo.

Uluhlu lwababekelwe udliwanondlebe luzakwenziwa ngoLwesine umhla weshumi elinesibhozo, ze udliwanondlebe lwenziwe kwiiintsuku ezosixhenxe ezilandelayo. 

ULwesihlanu umhla wamashumi amabini anesithandathu ubekelwe bucala ukuze kunxityelelwane nazo zonke izintlu ezayamene noBSA. Ukanti, ibhodi kaBSA izakubhengezwa ngoLwesithathu umhla weshumi elinesihlanu kuMeyi.

“Umsebenzi wam njengegunya elongameleyo ngaphantsi kweBoxing Act kukubona amanqindi ephumelela nokuqinisekisa uzinzo kubunkokheli nolawulo kwaBoxing South Africa,” utshilo uKodwa. 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php