UMphathiswa weZemidlalo uZizi Kodwa negunya eliyintloko kwaBoxing South Africa (BSA) uMandla Ntlanganiso bafake amaxwebhu afungelweyo kwityala elifakwe yiNational Professional Boxing Promoters Association (NPBPA).

UKodwa uyazikhusela njengokuba iNPBPA yacela umngeni kwisigqibo sakhe sokutyumba uNtlanganiso njengegunya eliyintloko kwaBSA kulenyanga ephelileyo. 

“Ummangali akamanga kakuhle kumtyholwa wesithathu (BSA) kuba utyala imali engangezigidi ezintathu kwiimali ebezifanele ukuhlawulwa uBSA. Ndiyala ukuba umcelimngeni wommangali usemdleni woluntu lwamanqindi,” uKodwa utshilo kumaxwebhu afungelweyo.

“Esisicelo sicacile, sinokuzigwagwisa, kwaye sibhekisa phambili iimfuno zommangali kuphela. Kwaye ezinye izintlu zesolotya phantsi kwesigaba samashumi amabini anesibhozo asibaxhasi abamangali.”

Kumaxwebhu afungelweyo, uNtlanganiso uveze ukuba kwalandelwa imigudu eyiyo ngethuba etyunjwa, kwaye iNPBPA yasilela ukuhlangabezana neemfuno zokokuba ithatyathwe njengesemthethweni nguBSA.

“Ukuvunywa kommangali kwangumayela nokokuba athumele umgaqosiseko obhaliweyo kuBoxing South Africa ukuze azokuvunywa. Aze emva koko athumele iingxelo zonyaka. Zange kwenzeke oko,” utshilo uNtlanganiso.

“Kunyakamali ka-2022/23 noka-2023/24 ummangali wafeda ekufakeni ingxelo yonyaka kuBoxing South Africa. Ndigqiba kwelithi, ngokomthetho, ummangali usilele ekubeni abengowamkelekile.”

UNtlanganiso wongeze ngelithi: “Ngomhla weshumi elinambini kuDisemba ka-2023, ndabekwa njengengqonyela ebambeleyo kwaBoxing South Africa. Ndabekwa ngendlela eyiyo ngabaqondisi bebhodi kaBoxing South Africa. Into yokokuba ibhodi kaBoxing South Africa yathintelwa emva koko ayinanto yakwenza nam. Ukuba ummangali ebenakho, bekungazokubakho manqindi kwiRiphabliki yoMzantsi Afrika.”

Kusenjalo, elityala lizakuchotshelwa kwinkundla ephakamileyo ePitoli ngoLwesibini kuleveki ezayo.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php