Umdlali wasesiswini uXola Mlambo udize ukuba ukungavisisani nomqeqeshi weTS Galaxy uSead Ramovic ngomdlalo webhola ababewudlala ngebhola yentenetya ngunobangela womka kwakhe kwiiRockets.

UMlambo, oneminyaka engamashumi amathathu anesibini, ukudize oku kudliwanondlebe no-Andile Ncube kwiMetrofm ngokuhlwa kwangoLwesine.

“Xa sasidlala ibhola ngebhola yentenetya, iqela lomqeqeshi lalisebenzisa ubuqhinga, saze sathi banamaqhinga, impendulo yakhe yathi ‘ndim umqeqeshi apha’. Kusemva koko ke apho ndaxelelwa khona ukuba bophukile ubudlelwane bam nomqeqeshi, ndaze ndakhululwa,” utshilo uMlambo.

“Xa ndandikhutshwa eqeleni, ndaxelelwa ukuba ndingezi kumdlalo owandulela owokugqibela, ndacinga ukuba mhlawumbi lonto yayisenziwa kukuba ndingadlala kakuhle. Kodwa ngoku emva kokufumana umnxeba owawusithi andikho kumacebo omqeqeshi, ndacinga ukuba kungenxa yalamdlalo sasiwudlala ngebhola yentenetya.”

UMlambo, owakhe wadlalela AmaZulu, i-Orlando Pirates, iBidvest Wits neChippa United, usasokola ukufumana iqela kwiPremiership. 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php