Umthandi nomlandeli wezemidlalo uJoyce ‘Mama Joy’ Chauke ulibeke lacaca elokokuba akazukuyinikela umva ibhola ekhatywayo njengokuba esisa inkxaso yakhe kwintshatsheli uSimangele ‘Smash’ Hadebe.

Kungoku nje, uChauke sele engumlandeli omkhulu kaHadebe, oyinjinga yoMzantsi Afrika ne-African Boxing Union (ABU) kudidi lwempukane kwicandelo labasetyhini.  

“Kwilixa elingekude kuyaphi ndathembisa uSmash ukuba ndizakumxhasa xa esilwa. Uyayazi ukuba amanqindi ngumdlalo apho umntu azimela ngenkqayi elangeni. Bekunzima ukuxhasa amanqindi ngenxa yalonto nangona nje sasixhasa uDingaan Thobela ngaphambili,” utshilo uChauke. 

“Azikho ninzi iitumente zamanqindi ezibakhona kweli. Ukuxhasa uSmash akuthethi ukuba ndiyinikela umva ibhola ekhatywayo. Into ezakwenzeka kukuba ndizakuya kwimilo kaSmash xa esilwa nkqu nokokuba kukho imidlalo yebhola ekhatywayo ekhoyo. Ndizakuhamba ndiyokumxhasa.” 

Kusenjalo, uHadebe umaxhaphetshu ulungiselela umlo wakhe kunye noGabriela ‘La Bonnita’ Sanchez Saavedra waseMexico. 

Lomlo wentshinga engenamntu kwi-International Boxing Federation (IBF) Intercontinental kwicandelo labasetyhini uzakubanjelwa eKibler Park Recreation Centre, eRhawutini, ngoLwesihlanu umhla wamashumi amabini anesine kuMeyi. 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php