Uwongiwe kumsitho weSouth African Sport Awards eSun City Superbowl, eRustenburg, ngokuhlwa kwangeCawa, ongasekhoyo nowayengumsasazi wezemidlalo uDumile ‘Phesheya Phaya’ Mateza.

UMphathiswa weZemidlalo, uZizi Kodwa, uwonge uMateza, owayengumsasazi webhola ekhatywayo, amanqindi, umbhoxo kunye neembaleki, ngokumnika iwonga le-Andrew Mlangeni Green Jacket. 

Wayelikhwahla elazalelwa eKareedouw, uMateza, owayesisisele senyathi, wabhubhela eRhawutini ngoFebruwari 2022 emva kokulwa idabi lomhlaza.

UMateza wayeyingqonyela ebambeleyo kwiSouth African National Boxing Control Commission (SANBCC), kwaye wayekhe walilo nelungu lebhodi kaBoxing South Africa (BSA). 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php