Imbethi-manqindi yasePhilippines uChristian ‘The Bomb’ Araneta uqinisekisile kwi-International Boxing Federation (IBF) ukuba wonzakele, kwaye uzakuhlala isiqingatha sonyaka engalwi.

Ingalo yasekhohlo yelinxele lasePhilippines yonzakele, monzakalo lowo obukade ufihlwa de kwabonakala imifanekiso ka-Araneta kumaqonga ezoluntu.

Ukungabikho kuka-Araneta kungavulela indlela intshatsheli ye-IBF kudidi lwejunior-flyweight uSivenathi ‘Special One’ Nontshinga ukuba akhusele kummi waseJapan uMasamichi Yabuki, obekwa kwindawo yesibini, okanye alwele iintshinga ezintathu nenjinga yeWorld Boxing Council (WBC) neWorld Boxing Association (WBA) uKenshiro ‘The Amazing’ Teraji waseJapan.   

“USivenathi Nontshinga bekufanele ukuba ulwa noChristian Araneta, kodwa u-Araneta akazokulwa iinyanga ezintandathu ngenxa yomonzakalo,” itshilo i-IBF. 

Kanye nje emva kokuba uNontshinga ephinde wayiphumelela intshinga yakhe ye-IBF enqumamisa ummi waseMexico u-Adrian Curiel Dominguez e-Oaxaca kwelaseMexico phantse kwiinyanga ezintathu ezigqithileyo, u-Araneta wema entabeni emkhwaza esithi mabalwe okwesibini.

UNontshinga, oneminyaka engamashumi amabini anesihlanu noyinzalelwane yaseMpuma Koloni, wabetha u-Araneta ngamanqaku eBoardwalk Casino, eGqeberha, ngo-Epreli 2021.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php