UBoxing South Africa (BSA) uwuse kwifandesi umlo ophakathi kuka-Aphiwe Boyiya noSibusiso Zingange kulandela ukungavumelani kwabaphathi bezimbethi-manqindi ezimbini.
Kwaye lefandesi ivuleleke kubo bonke abathelekisi abanomdla wokwenza umlo wentshinga yoMzantsi Afrika engenamntu kudidi lwejunior-welterweight.
UBoyiya, owayeyintshatsheli yoMzantsi Afrika kudidi losiba nolwejunior-lightweight, uphantsi kwesandla sikaMzi Booi weKay B Promotions, logama uJoyce Kungwane weTLB Boxing Promotions engumthelekisi kaZingange, owayeyinjinga yoMzantsi kudidi lwejunior-lightweight.
“UBSA ugqibe kwelokokuba lo mlo uye kwifandesi. Yifandesi evuleleke kumntu wonke, hayi kwiKay B okanye iTLB kuphela,” utshilo uKholisile ‘KC’ Cengani, ongumlawuli kaBoyiya.
Imicelimngeni yalomlo iqale mhla uBoyiya etyikitya isivumelwano somlo neKay B Promotions, logama uZingange etyikitye isivumelwano neTLB Boxing Promotions.
Ekuqaleni, uBoyiya wayetyikitye isivumelwano somlo neKay B Promotions apho wayezakulwa khona noSipho Mahlangu besilwela intshinga yoMzantsi Afrika engenamntu kudidi lwejunior-welterweight kulenyanga ephelileyo.
Kodwa zange ude ubekhona lo mlo lowo emva kokuba abaphathi bakaZingange balwa kwamdaka iisali besithi nguye ofanele ukulwa noBoyiya kuba ebekwa kwindawo yesibini kuluhlu lukaBSA. – Monwabisi Jimlongo