Kubonakala ezakuqhubela phambili engalwi u-Ayabonga ‘JayJay’ Sonjica njengokuba ungasekho umlo wakhe nommi waseNigeria, uTaiwa Agbaje, mlo lowo ubuzakubanjelwa eNigeria ngoLwesihlanu weveki ezayo.
USonjica, oyinzalelwane yaseDuncan Village kuGompo City nowayeyintshatsheli yoMzantsi Afrika kudidi lwejunior-featherweight, bekufanele ukuba unikela uMzantsi Afrika umva, aye eNigeria ngoLwesibini ozayo.
“Awusekho umlo wam. Kubonakala ukuba lomfo bendizakulwa naye unomthelekisi ongomnye,” utshilo uSonjica, oneminyaka engamashumi amathathu anesihlanu.
Ukuchithwa kwalomlo kuthetha ukuba uzakuqhubela phambili engalwi uSonjica njengokuba egqibele ukulwa ngethuba ebetha uRofhiwa Nemushungwa ngamanqaku ngoNovemba kulonyaka ophelileyo.
Emva kokuhlala isithuba esingangeminyaka emithathu engalwi, uSonjica uye walwa izihlandlo ezine nyakenye. – Monwabisi Jimlongo