USivenathi ‘Special One’ Nontshinga kunye negqiza lakhe babala iintsuku ngaphambi kokunikela uMzantsi Afrika umva, besingise kwelasePhilippines, phambi komlo wakhe obaluleke kakhulu, apho azakuvana amandla noRegie ‘The Filipino Phenom’ Suganob.
UNontshinga uzakulwa noSuganob kumlo wokuzibekela indawo kowentshinga ye-International Boxing Federation (IBF) kudidi lwejunior-flyweight eBohol Wisdom Gym, eTagbilaran City ngoMgqibelo kuleveki ezayo.
Lo, ngumlo oyimpinda njengokuba uNontshinga wabetha uSuganob ngamanqaku ngethuba ekhusela intshinga ye-IBF junior-flyweight e-International Convention Centre (ICC), KuGompo City, ebutsheni bukaJulayi 2023.
“Konke sele kulungile ngoku. Sindulukela kwelasePhilippines kuloMgqibelo esiya kuwo,” utshilo uColin ‘Nomakanjani’ Nathan, ongumqeqeshi nomlawuli kaNontshinga.
UNontshinga sele ephumelele imilo emibini, wabethwa kwemibini ukususela mhla wabetha uSuganob. Ukanti, yena uSuganob sele ephumelele imilo emihlanu ukususela lamini wayebethwa ngayo nguNontshinga. – Monwabisi Jimlongo