Kulenyanga ezayo umqeqeshi uPitso Mosimane uzakubuyela eCairo International Stadium, apho wakhokelela izangxa zaseYiphutha, i-Al Ahly, kwimpumelelo yemidlalo emininzi.  

Kodwa ngoku, uMosimane uzakube ekhokela iBafana Bafana xa idlala neePharaohs kumdlalo wobuhlobo wamazwe ngamazwe eCairo International Stadium, ngeCawa umhla wesine ku-Okthobha, ngentsimbi yesibhozo ngokuhlwa, ngokwexesha loMzantsi Afrika.

“Isoloko inzima imidlalo neYiphutha, kwaye silindele ukuba ubenzima nalo ozayo. Ndicinga ukuba ukubuyela kwiBafana Bafana komqeqeshi uPitso kuzakongeza into ethile kuba bamazi kakuhle kwelalizwe laseMntla Afrika. Olu lolunye uvavanyo olukhulu kumaqela omabini,” utshilo uDanny Jordaan, ongumongameli weSouth African Football Association (SAFA).

Ngaphambi kokudlala namaYiphutha, iBafana inemidlalo emibini, ebalulekileyo njengokuba izakudlala neGuinea kunye ne-Eritrea kwimidlalo yemfezeko yendebe yamazwe ngamazwe ase-Afrika. IBafana izakuqubisana neGuinea ekhaya ngoMgqibelo umhla wamashumi amabini anesithandathu, iphinde idlale ne-Eritrea kwiintsuku ezine ezilandelayo.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php