IMarumo Gallants ibhengezile emva kwemini ngoLwesithathu ukuba imgxothile umqeqeshi wayo, uPhuti Mohafe, kunye nesekela lakhe, uMusa Bilankulu.  

Ngaphantsi kwesandla sikaMohafe, iGallants, ekwindawo yeshumi elinesihlanu, idlale ngokulingana kwimidlalo emibini, yaze yabethwa kwemithathu. UMohafe wazibandakanya neGallants esuka kwiPolokwane City ngaphambi kokuqala kwalesizini. 

Njengokuba uMohafe egxothiwe nje, iGallants ivakalise ukuba ityumbe uTrevor Mathiane, obelisekela lesibini, ukuba ibenguye oxhuzula iintambo zokuqeqesha.

Kusenjalo, iGallants iphinde yabhengeza ukuba ityikitye uDaniel Msendami no-Abdoulaye Mariko besuka kwiintshatsheli zeBetway Premiership, i-Orlando Pirates.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php