Iqela laKwaZulu-Natal nelidlala kwiPremier Division, iDurban City, ibhengeze u-Eric Tinkler njengomqeqeshi wayo omtsha emva kwemini ngoLwesine.
Eneminyaka engamashumi amathathu anesithandathu, uTinkler uvingce isithuba esadaleka emva kokuhamba kukaKhalil Ben Youssef waseTunisia.
UTinkler, oye walahla njengomqeqeshi we-Asante Kotoko yaseGhana kulenyanga ephelileyo, wakhe wasebenza ngaphambili nomnikazi weCity, uFarook Kadodia, kwiMaritzburg United phakathi kuka-2019 no-2020. IMaritzburg United yaguqula igama yaba yiDurban City emva kokuthuthela kweleebhanana.
“Ndichwayite kakhulu kukuba yinxalenye yento eyakhiwayo apha kwiDurban City FC. Eliqela lineenjongo neminqweno emikhulu, sele lidlale kakuhle kwixeshana elifutshane, kwaye sele lidlala kwiCAF Confederation Cup, yilonto kanye eyenze ukuba ndithabathe esisigqibo,” utshilo uTinkler.
UTinkler uzakuxhuzula imikhala yokuqeqesha xa iqela lakhe lidlala nAmaZulu kumdlalo wobukhaya waseThekwini eChatsworth Stadium ngoLwesibini kuleveki ezayo.