Owayesakulwela intshinga yehlabathi, u-Azinga ‘Golden Boy’ Fuzile, uzakulwa kwitumente yeGolden Gloves ezakubanjelwa eKapa kwezinyanga zintathu zizayo.  

Iindaba zokokuba uFuzile, owanqumamisa ummi waseTanzania u-Emmanuel Amos Stephano kumjikelo wesine eWhittlesea Multipurpose Hall, eSada, ngoDisemba wonyaka ophelileyo, uzakulwa ngoJulayi ziqinisekiswe ngumlawuli wakhe uMlandeli Tengimfene nomphathi weGolden Gloves uRodney Berman.

“Ngokwenene ndingumlandeli ka-Azinga. Ndicinga ukuba usenekamva eliqaqambileyo. Uneminyaka engamashumi amabini anesixhenxe. Ungomnye weembethi-manqindi ezingamachule apha eMzantsi Afrika. Ndichwayite kakhulu kunye noMla, sobabini sizakugwadla iqhinga ukuze u-Azinga abuyele encotsheni kumanqindi ehlabathi,” utshilo uBerman. 

UTengimfene, ongumlawuli wase-All Winners Boxing Club eMdantsane, uthethe wathi: “Sisuka kude nobudlelwane bethu noRodney. U-Azinga uzakulwa kwitumente yeGolden Gloves. Oko sikwenzela ukuqinisekisa ukuphuhlisa ngakumbi amanqindi akhe.”

Izakuba sisihlandlo sesibini uFuzile, owayenjinga yoMzantsi Afrika kudidi losiba, esilwa kwitumente yeGolden Gloves.

UFuzile waseDuncan Village, eMonti, wanqumamisa uTshifhiwa Munyai kumjikelo wesithathu kwitumente yeGolden Gloves e-Emperor’s Palace,  eKempton Park, ngo-October 2017.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php