Umqeqeshi weYoung Africans, uMiguel Gamondi, akayeki ukukhalaza emva kokuba iqela libethwe ngamanqaku amathathu kwamabini yiMamelodi Sundowns kumdlalo wamaqela asibhozo okugqibela kwiCAF Champions League ePitoli ngokuhlwa kwangoLwesihlanu.
Eyona nto ekhalazisea nequmbisa uGamondi kakhulu kukuphikwa kwenqaku likaStephane Aziz Ki ekuthiwe ayililo emva kokujonga kwiVAR.
“Akukwazeki ukulwa neVAR. Ndicinga ukuba ayilunganga lento eyenzeke apha. Kodwa ke ndakubekwa ityala ukuba ndikhe ndathetha. Nkqu no-Aziz Ki uthe kum ‘mqeqeshi, ibilinqaku eliya’,” utshilo uGamondi.
“Abadlali bam bamatshekile ngoku ngenxa yokukhutshwa ngoluhlobo. Ayilunganga lento eyenzekile xa udlala namaqela amakhulu. Ndingathini? Mandithi huntshu kubadlali bam, balwile. Ndicinga ukuba besifanelwe kokungaphezulu kunoku kuba besinamathuba amaninzi kunabo.”
Lomdlalo uye wagqityezelwa ngokukhatywa kwebhola isuka emlotheni emva kokuba imilenze yokuqala neyesibini iphele ngeqanda macala omabini.