Kungekudala bekubonakala ngathi injinga ye-African Boxing Union (ABU), uSiyakholwa Kuse, akakazokulwa nembethi-manqindi engekabethwa yaseZimbabwe uBeaven Sibanda. 

Kodwa ngoku, zibonakala ziguqukile izinto njengokuba umthombo othembekileyo uxelele i-Ink Sport ukuba lomlo, ekukudala ufunwa ngabantu, uzakwenzeka ekugqibeleni.

“Ekugqibeleni, uKuse uzakulwa noSibanda. Sizakubona ukuba ngowuphi obhetele phakathi kwabo,” utshilo umthombo wethu. 

Etsalelwa umnxeba, uMla Tengimfene olawula uKuse uthethe wathi: “Ayikho into esinokuyithetha okwangoku ngaphandle kokuba thina sifuna ukunyuka kumanqwanqwa ehlabathi.” 

UKuse, oqeqeshwa ngowayesakuba yinjinga yoMzantsi Afrika kudidi lwempukane uMakazole Tete e-All Winners Boxing Club eMdantsane, ukwayiyo nentshatsheli yoMzantsi Afrika kudidi lweminimumweight. 

UKuse, owazalelwa eMdantsane, uphumelele imilo emithandathu, wabethwa kwemibini, waze wabambana komnye. 

Ukanti, uSibanda, oneminyaka engamashumi amabini anesibini nosuka eHarare eZimbabwe, uyiphumelele yonke imilo yakhe emithandathu, kwaye ungqengqise amadoda amabini.   

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php