Emva kokulwa kakuhle kakhulu ngethuba enqumamisa u-Awonke Tini kumjikelo wesithathu kulenyanga ephelileyo, uBheki Maitse ubuyela eqongeni kumlo wentshinga yaseGauteng kudidi lwejunior-featherweight noVusi Ngcamu.

UMaitse, ongekabethwa, unyathelana ngoobhontsi noNgcamu kwitumente yeBoxing5 Promotions eBox Camp Booysens, eRhawutini, ngeCawa umhla wesihlanu kuMeyi.

UMaitse ulwa kudidi olunye ijunior-featherweight kunye noyise uBongani ‘Wonderboy’ Mahlangu, oyintshatsheli yoMzantsi Afrika.

Ukanti, uNgcamu akakalwi okoko wayegqibele ngokuya wayenqumamisa uSinenkosi Mlotshwa kumjikelo wesithandathu eBox Camp ngoMatshi kulonyaka ophelileyo.

UMaitse uyiphumelele yomine imilo yakhe, engqengqisa amadoda amabini, logama uNgcamu ephumelele izihlandlo ezisixhenxe, enemilo emihlanu engazange igqitywe, ebethwe kwimilo emine, waze wabambana kwemithathu.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php