UHlulukwenza Dladla weHlula Dladla Boxing Promotions ucenga injinga yoMzantsi Afrika kudidi losiba, uZolisa Batyi, ukuba aphe uLindelani Sibisi ithuba lokulwa naye.

Esisicelo sikaDladla siza kanye emva kweentsuku ezimbalwa umqeqeshi kaSibisi, uMtuseni Dube, naye wayenze esakhe isicelo kuBatyi waseNxarhuni esithi ucela akhusele intshinga yakhe yoMzantsi Afrika kulenjinga yeWorld Boxing Federation (WBF) Intercontinental kudidi losiba. 

UBatyi uyikhusele ngempumelelo intshinga yakhe ngethuba enqumamisa uLucky Hobyane kumjikelo wesibhozo e-Orient Theatre, eMonti, ngeCawa kuleveki ephelileyo.

“Abantu baseMzantsi Afrika bayawufuna umlo phakathi koBatyi noSibisi. Ndiyamcenga uBatyi ukuba anike uSibisi ithuba, alwe naye. Lomlo singawenzela naseRhawutini, apho kungekho ngakulobani. Enyanisweni, uSibisi ukulungele nokuya naseMonti,” utshilo uDladla.  

USibisi, oneminyaka engamashumi amabini anesihlanu, usandula ukuphumelela kumjikelo wokuqala kumlo wakhe nommi waseTanzania, u-Iddy Kayumba, e-Estcourt, KwaZulu-Natal, kwisithuba esingaphaya kweveki. 

“Basibhalela ngaphambi kokuba uBatyi alwe noHobyane, kodwa asizange sivumelane kwizinto ezithile. Sasisele silungele nokuwuyeka umlo weWBF, sihambe siyokucela umngeni kuBatyi,” utshilo uDladla. 

Kusenjalo, Sibisi uphumelele imilo emithandathu, emihlanu kuyo enqumamisa amadoda, logama ebethwe kabini.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php