UNhlanhla ‘Mount Kilimanjaro’ Tyirha uthi akabulahlanga ubomi baseRhawutini njengokuba ebuyele ekhaya eMdantsane ngaphantsi nje kweenyanga ezine ekweyona dolophu enkulu nenyakazela abantu eGauteng.

UTyirha, owayesakuba yintshatsheli yoMzantsi Afrika kudidi lwejunior-flyweight, ugxininisile ukuba usesekhaya emva kokubuya ngeeholide zepasika. UTyirha ufike eRhawutini ngoJanyuwari, kwaye uqeqeshwa nguVusi Mtolo e-Edenvale, Ekurhuleni. 

“Ndiselapha ekhaya okokoko bendibuye ngempela veki yepasika. Ndizakubuyela eRhawutini ngempela nyanga,” uthethe watsho uTyirha, owagqibela ukulwa ngethuba ebethwa kumjikelo wesibhozo  nguGeorge Kandulo waseMalawi ngoJulayi wonyaka ophelileyo.  

Ukanti, umlawuli kaTyirha, uThembelani ‘Shakes’ Hlombe, uthe: “Ubuyele ekhaya ngeeholide zepasika, kwaye uzakubuyela eRhawutini ekupheleni kwenyanga.”

Okwangoku uTyirha uqeqeshwa yinjinga yamhlamnene kwiWorld Boxing  Association (WBA) ne-International Boxing Organisation (IBO) kudidi losiba uSimphiwe ‘V12’ Vetyeka. 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php